Yintoni i-Cloud Computing?

I-Cloud computing  ichazwa njengenkqubo yokusebenzisa uthungelwano lweeseva ezikude,(ilifu-Cloud)ezisingathwe nge-intanethi, ukugcina, ukulawula ukusebenza kwedatha , endaweni yokuyigcina endawen enye. Ngokusisiseko, i-cloud computing  lisebenzisa isiseko somnye umntu kunye nezixhobo, ukunciphisa inani lotyalo-mali oluyinkunzi ekufuneka ishishini lakho libe nayo.

Ndinokuqiniseka njani ukuba ndinokufikelela kwidatha yam?

Ababoneleli be-Cloud bayakuqinisekisa ukufikeleleka kweDatha yakho, ukhuseleko, iinkonzo kunye nenkxaso xa udibana nabo, ukongezelela unokufikelela kwidatha yakho naphina eyona nto intle malunga ne-Cloud kukuba akukho mfuneko yokuba uye kwiofisi.Unokusebenzela kuyo usekhaya.

Ngaba i-Cloud ikhuselekile kulwazi lobuqu? Ngokwezokhuseleko, lukhuseleke kangakanani ulwazi / iifayile?

I-Cloud ikhuseleke nge-100% kulwazi lwakho lobuqu kuquka nolunxulumene nomsebenzi.

Ngaba umbutho wam kunyanzelekile ukuba aqeshe abasebenzi be-IT abongezelelweyo ukujongana notshintsho?

Kuba phakathi kwezibheno ziphambili zokusebenzisana nomboneleli ngenkonzo ye-Cloud kukuba baphatha ukungena kunye nokuphuma kwenguqu yakho ye-Cloud, akufuneki ukuba uqeshe abasebenzi abongezelelweyo xa ushenxela kwi-Cloud. Nangona kunjalo, ukuba nobugcisa kwi-IT kumbutho kungayingenelo ekwenzeni utshintsho lube lula. Ukuba awunalo iqela esele likho le-IT, ungacinga ngoqesha ingcali ye-IT ukukunceda uthathe iinkonzo ezinikezelwa ngababoneleli be-Cloud kunye nokubonelela ngengcebiso nangona kunjalo unokulawula i-Cloud yakho ngokulula ukuba awunalo uhlahlo-lwabiwo mali lomntu we-IT.

Ngaba i-Cloud lingazinciphisa iindleko zam ze-IT?

Ukuba ungumbutho omncinci osaqalisayo/osakhulayo ndingathi ewe, kuba iMicrosoft ikunika ilayisensi yasimahla ye-10 yepremiyamu yeshishini edibanisa iiwindows zasimahla kunye neeApps zasimahla zedesktops ke ukuba unabasebenzi abangaphantsi kwabali-10 awuna kukhathazeka malunga neendleko ze-IT ngaphandle ke kokuba uthenge iikhompyuter kunye ne-anti-virus.

Ngaba iindleko zobhaliso lwe-Cloud  zibhatalwa ngokweziqingatha?

Unenywheba yokhetha phakathi kwentlawulo ya nyanga-nganye, iintlawulo zenyanga ezi-6 okanye iintlawulo zenyanga ezili-12.

Ngaba i-Cloud iza kuwuthatha umsebenzi wam?

Hayi.

Ndingasifaka njani isicelo semirhumo yasimahla ye-M365?

Qhagamshelana neqela lethu lenkxaso ukukukhokela kule nkqubo::

T: +27 010 007 2734 or +27 084 979 0336

E: techsoup@phambano.org.za or info@phambano.org.za

Scroll to Top
Scroll to Top